ngu-Ashley Grimsell noCleopas Tlotlang Lephallo
IiNkomo zenyama kwiinyanga ezintathu zokugqibela zokumitha yeyonanto ixabisekileyo. Oku kungokokuba ziphumelele ekumitheni inkunzi kwaye zizisa ikamva eliza nomvuzo wengeniso lamathole. Nangona kunjalo, amadlelo aqhele ukungabi kumgangatho omhle ngelixesha lokumitha ebusika, into enciphisa izondlo ezidingwa ziinkomo, kungoko ke ukuxhaswa kwesondlo kubalulekile.
Amathole angekazalwa axhomekeke kakhulu kunina omithiyo awanike izondlo ezaneleyo. Luncinci uxinzelelo olubekwe kwiziphumo zezambiwa (minerals) kwinkomo ezikwiinyanga ezintathu zokugqibela zokumitha kunye neziphumo ezilandelayo ezinokuba nazo kwamathole. Ininzi indima ethi idlalwe ziiminerals/izambiwa ekuphuhliseni ithole elingekazalwa, ukuba zithe eziminerals azanikwa kwinqanaba eloneleyo kwinkomo ngelixesha lokumitha, zingakhokela ekubeni kubekho ubomi bokulahlekelwa yimveliso kuzo zozibini inkomo ne thole. I-Availa® 4 esuka kwi Zinpro Performance Minerals®, isisondlo esiqulathe kwindibaniselwano zendalo (organic) ye zinc, manganese, ne copper kunye ne cobalt eyahlukileyo. Ezii minerals zibaluleke kakhulu kwaye zidingwa zizo zozibini inkomo kunye nethole ingakumbi apha kwiinyanga ezintathu zokugqibela zokumitha.
Ezii minerals ziza ngeentlobo ezahlukeneyo. Kumele ke ukuthi zifumaneke ngokulula emzimbeni wenkomo ukuze ikwazi ukuzidlulisa kwithole layo elisakhulayo. I-Availa 4 yakhelwe ngohlobo olwahlukileyo oluthi luqulathe indibaniso ye amino acid (protein) kunye nee minerals ezahlukeneyo. Oku kuvumela ukuba i-mineral leyo ifunxeke kakuhle kwisithuthi sayo se amino acid kwamathumba. Xa zithe zasegazini iZinpro Performance Minerals® ziye zisetyenziswe ngumzimba ngendlela eyahlukileyo kwezinye ii minerals, zenzela ukuba inkomo nethole zikwazi ukuzisebenzisa ngeyona ndlela zandise nenkqubela phambili.
Imbuyekezo yeAvaila®4
Ubunzima benkomo kunye ne mpilo entle kunikeza ingeniso
Uphando lubonakalisa ukuba amathole azalelwe kwiinkomo ezondliwe nge i-Availa 4 kwiinyanga ezintathu zokugqibela zokumitha aye ongezeleleke eskaleni xa eyo kulunyulwa(weaned) kwaye anamathuba amancinci okuba agule. Oku kwenziwa kukuphuhlisa ukukhula kwethole, okuthi kwenzeke ngokukhawuleza kwiinyanga ezintathu zokugqibela zokumitha kwaye yomeleza amajoni omzimba enkomo nethole ngokuphuhlisa umgangatho we umthubi (colostrum).
Ukugcina imveliso kwizizukulwana zezizukulwana (emathokazini)
Umvuzo awuwuboni kwi zilwanyana ezihlala kwamadlelo okanye ezikwi feedlot kuphela, kodwa nakwikamva lomhlambi. Umgangatho wamathokazi wokuzala uyanyuka kwaye inkomo izakuba nemeko yezambiwa ephucukileyo kwiinyanga ezinthathu zokuqgibela zokumitha xa yondliwe i-Availa 4. Oku akuyonzuzo kwi thole xa lizelwe kuphela, kodwa inceda inkomo ekuphindeni imithe kwixesha elizayo lokumitha.

Impilo yomhlambi, imveliso yomhlambi, nokusebenza ngokufanelekileyo kweshishini kuhamba indlela ende. Ukubandakanya i-Availa 4 ekuxhasweni kwesondlo sobusika seenkomo zakho kuyakunika inzuzo kwiminyaka emva kweminyaka.